10/10/2022
KUFANDINI!!
πππππππππππππ
KUFANDINI!!! KUFANDINI!!
Kufandini okungafiyo,
Kufandini okuluhlazo,
Kufandini okulivuku-vuku,
Kufandini ndiyakuqalekisa.
Ntlekentlekendini ebulal' iintliziyo,
Ntlekentlekendini ebulal' imiphefumlo,
Gquthezandini odlal' ubutsha,
Ntwengento yaseNtlango zakwa Sathana,
Kufandini ingaba lwenzeni na ulutsha lwakokwethu?
Kufandini ingaba lunamanxelephi n' ulutsha lwakokwethu?
Kufandini ingaba soneni isizwe soMqhekezo?
Kufandini ingaba uvele nganto na kuwe loMqhekezo?
Yini na kubangase siyakhala?
Kutheni na kwabangasa siyalila?
Kutheni na kwabahlwa silala ngenyembezi?
Kutheni na kwabangasa sivunga ngezingqala?
Kutya nokutya esikutyayo kuloMqhekezo sikulumela ngenyembezi,
KUFANDINI ULUTSHABA!!
Ukuba bendiyazi ingcambu yakho apho ingakhona bendakuyisiphula,
Ukuba bendiyazi ingcambu yakho apho ingakhona bendakuyibhubhisa,
KUFANDINI ULUTSHABA!!
Kufandini ungumgqakwe vukuvukundini lenikiniki,
Nikinikindini ledlakadlaka,
Athuleleni na amathambo wokhokho bethu xa kunje na?
Athuleleni na amathambo wee nkokheli zakokwethu xa kunje na?
Mawashukume amathambo wonkosi uJongikhaya Mtirara,
Mawashukume amathambo wonkosi uZanomthetho,
Mawashukume amathambo wonkosi uDalibhunga,
Mawashukume amathambo wonkosi uJongintaba ka Dalindyebo,
Mawashukume amathambo wenkosi zendlu ka Ngubengcuko ka Sgcawu,
Mawashukume amathambo tat' uNelson Rhalihlahla Mandela,
Mawashukume amathambo wenkosi zomthanyama saphel' isizwe sabo ngulo gqutheza wokufa,
Nganithandazeni makholwa konakele,
Nganivumiseni zimboni konakele,
Nganinyangeni maxhwelendini alomdibaniso konakele,
Ngawungenelele Sonini nanini konakele,
Ngawungenelele Yesu nyana ka Hobhedu konakele,
Ngawehlele nguzantsi Yesu nyana ka Josefu uzohlangul' izimvu zakho,
Siyakhula, siyakhuza, siginya noba kuyakrakra kuba kaloku amathemba abhangile,
Kufandiniiiiiiiiiiii!!! ππππππππππππππππππ